Amanzi

From Wikipedia
Jump to: navigation, search
2006-02-13 Drop-impact.jpg
H2O
Water drop animation enhanced small.gif

Ngokwendalo yawo amanzi acwengile, yonke into esemanzini ibonakala ngobunjalo bayo. Esi sidalwa singamanzi senza iingxangxasi zemifula, amadwala, iilwandle kunye nemvula, asesona siseko simanzi eziphila ngaso imbumba yeekhemikhali zezinto zendalo eziphefumlayo, kanye nezona zinto ezisetyenziselwa zonke izinyibilikisi. Imolectyhuli enye yamanzi ine-oksijini enye nee-atom zehydrojini ezimbini, zizonke zithi zixhumane ngezixhumanisi ekuthiwa zii-covalent. Amanzi abubumanzi

Amanzi abobona bumanzi buxhaphakileyo apha emhlabeni. Ubuninzi bamanzi bungama-71% emhlabeni. Amanzi angangxengwanga nganto akanavumba, akanancasa, engenawo nombala. Amadwala, iilwandle kunye nemilambo zezinwe ngamanzi. Imvula ngamanzi aza avela emafini esibhakabhaka. Ukuba ke amanzi aye abanda kakhulu, (abe kwiqondo elingaphantsi kwe-0), ayaqina abe ngumkhenkce. Imvula engamatye isenokuba ngumkhenkce okanye ibe liliqhwa xa iimeko zivuma. Ukuba ke amanzi aye ashushu kakhulu (mhlawumbi iqondo lobushushu bawo bubengaphezulu kwe-100), avele abile abe ngumophu ke ngoku. Abaluleke kakhulu amanzi ebomini. [2] Nangona kunjalo, kukho uphando oluthi kuya kuthi kubetha umnyaka ka-2025 bangaphezulu kwesiqingatha abantu abayakube benganamanzi ngokwaneleyo apha emhlabeni. [3]

Amanzi abubumanzi ngendalo. Amanzi akuphela kwento apha emhlabeni ephila ngobunjalo bayo ikwiimo ezintathu. Zingaphezulu kwama-40 izinto ezaziwa ngabantu nezinomahluko ezenzeka emanzini.[4][5] Xa amanzi esiba ngumkhenkce, ayanda ngee-% ezi-9.[6][7][8] Oku kwanda kungadala uqhekeko lwemibhobho xa kunokwenzeka laa manzi abengumkhenkce esengaphakathi kuloo mibhobho.

Umsebenzi wamanzi[tshintsha | edit source]

Izityalo nditsho nezilwanyana zimanzi ubukhulu becala apha ngaphakathi emizimbeni, kunjalo nje kufuneka zombini ezi zidalwa zisele amanzi ukuze ziphile. Emanzini kulapho iityuwa zomzimba zisebenza khona, kunjalo eyonanto ininzi egazini ngamanzi. Igcina ubushushu bomzimba bukwizinga elifanayo ngokubila, kutsho kuphume ukungcola ngesikhumba somzimba. Amanzi anceda igazi ukuze lithwale izakha-mzimba ezisuka esiswini lizise kuwo onke amalungu omzimba, utsho udlamke uphile umzimba. Amanzi akwanceda igazi ukuba lithathe i-oksijin ekwimiphunga liyise kuwo onke amalungu omzimba. Amathe, anceda izilwanyana nabantu ukuze bakwazi ukwetyisa ukutya, angamanzi ubukhulu becala. Amanzi enza umchamo. Umchamo unceda kakhulu kuba ususa zonke iityuwa ezingafunekiyo emzimbeni. umzimba womntu unamanzi angama-60 nama-70 ee-%.

Enziwe ngantoni amanzi?[tshintsha | edit source]

Amanzi yinto enekhemikhali enefomyulayekhemikhali engu-H2O. Imoletyhuli yamanzi ine-oksijini kunye nee-athom ezimbini ezinxibelelene ngekhonkco elibizwa ngokuba zii-covalant bond. Amanzi alulwelo oluye lube kwiimo zokubanda okanye zobushushu obungaqondo-ngamaqondo, kodwa loo maqondo asoloko ehamba ngokwemeko zomhlaba, enye yezi meko yenza okokuba amanzi aqine abe ligaqa, sithi ke ngoko angumkhenkce. Aphinde kwawona laa manzi anyibilike abe ngumphunga (umphunga wamanzi). Amanzi asoloko eba ngamanzi xa ekufuphi kwiindawo ezinamanzi. Xa amanzi ephantsi kwento ebizwa ngokuba yi-nomenclature adla ngokuba likhonkco leekhemikhali. Ihadrojine monoksayidi ligama lobunzululwazi lamanzi, elingasetyenziswa kakhulu.

umthetho wamanzi,nengxaki zamanzi[tshintsha | edit source]

uqikelelo lwabantu abayihafu kumazwe aphucukileyo baye banenywe okuba namanzi aselwayo ngomnyaka wama-1970–2000 Water politics is politics affected by water and water resources. For this reason, water is a strategic resource in the globe and an important element in many political conflicts. It causes health impacts and damage to biodiversity.